Iinkokeli zamaqela ngamaqela oluntu aneenkcubeko zawo ziza kusebenzisana kwiNcoko Yesizwe nakwezinye izinto

Iinkokeli zamaqela ngamaqela eenkcubeko aseMzantsi Afrika zivumelene ukuba ziseke ilinge lokusebenzisana eliya kuzenza zibe nako ukudibana zisebenze kunye ngendlela enentsingiselo nenokuphathana ngokuthembeka, zisebenzisane kwimicimbi ezichaphazela ngokufanayo, neyezinto ezixhalabisayo ezinokuxelwa ncakasana. Injongo-senzo yokuqala yeli linge kukuqulunqa uxwebhu lweziphakamiso ezicacisa imingeni engundoqo ajongene nayo amaqela eenkcubeko, kunye neziphakamiso zezisombululo zale mingeni. Olu xwebhu lweziphakamiso luya kufakwa nakwiNcoko Yesizwe.

Eli linge lentsebenziswano linenjongo yokuqinisekisa ingomso elinoxolo nenkqubela, kusenzelwa bonke abantwana bamaqela oluntu eenkcubeko angaweli lizwe. Umsebenzi walo uya kudlula ungapheleli nje ekuthatheni inxaxheba kwiNcoko Yesizwe. Ukwakheka kweli linge kulandela uthethwano oluye lwamane ukwenziwa kutsha nje ziinkokeli malunga nokuzama ukusebenza kunye kwiNcoko Yesizwe. Kusekwe iqela lokusebenza ukuze liqulunqe uxwebhu lweziphakamiso, oluza kuvunywa ziinkokeli; eli qela ke liya kuchophela iindlela zokumisela ngokusesikweni eli linge lentsebenziswano.

“Ubukho bamaqela aneenkcubeko zawo yinto eyinene; uMzantsi Afrika awakhiwanga ngabantu abazimele ngabanye buqu nangurhulumente kuphela. Kumele ukuba bunakanwe ubukho bazo nazo iinkokeli zabantu nezemibutho yabantu ababeka phambili izithethe zobumveli babo, amafa emveli, iilwimi zabo, ubuni babo ngokweenkcubeko zabo, nobukho beqela loluntu ngalinye elinenkcubeko yalo. Ezi zinto zisembindini wendlela yabo yokuqonda nokudlelana noluntu ngokubanzi. Ke kufuneka nazo zinikwe ingqalelo, zinikwe neyazo indawo ecaleni kwabo babeka ubuntu bokuzimela buqu okanye urhulumente phambili kwisikhokelo seayidiyoloji yabo.  Ukuze incoko ibe nentsingiselo ngokunyanisekileyo, kufuneka iindlela zokucinga iiayidiyoloji zabo bonke abemi zihoywe futhi ziqukwe, zingabethiswa ngoyaba. Kuyafuneka nakanjani, ngokungenakungenzeki, ukuba kuvulwe umtyhi ocacileyo nobonakalayo wokunika ingqalelo kwinto yokuba kukho iindidi-ndidi zamaqela abantu beenkcubeko zabo kunye namanye amaqela abantu kweli lizwe, zaye zisisiseko esiqinileyo soluntu lwethu ngokubanzi ekufuneka bethathe inxaxheba enkulu ekumiseleni ingomso labo, babe nelizwi kwizinto ezibachaphazelayo,” utsho uBarend Uys, Omnye Woosihlalo Beqela lokusebenza.

“Iinkokeli zamaqela oluntu eenkcubeko ziyamenywa, futhi zikhuthazwa ukuba zijoyine eli linge zize zivakalise ezazo iindlela zokubona malunga nemicelimingeni engundoqo ejamele amaqela oluntu eenkcubeko, kunye nezisombululo ezinokwenziwa ukuze kuqutyiswane nale mingeni. Kufanele ukuba le micimbi kugxininiswe kuyo xa kusenziwa iinzame zokuqinisekisa ingomso elinoxolo nenkqubela kusenzelwa amaqela oluntu angawalapha kweli lizwe; ngoko ke zifanele ukuba zinikwe ugxininiso kula malungiselelo enziwayo eNcoko Yesizwe. Eli linge lentsebenziswano lithumela umyalezo ongqongqo othi amaqela oluntu kunye neenkokeli zawo – ezimazwi azo angasoloko eviwa – athathela kuwo uxanduva nokuzenzela ngokuthethana esenzela ukulungelwa nokuhlalisana ngoxolo kwezizukulwana ezikhoyo ngoku nezizayo,” uqukumbela atsho uNkosi Langa Mavuso, Omnye Woosihlalo beqela lokusebenza.

Ulwaziso malunga nomsebenzi weli linge lentsebenziswano, kwakunye neziphakamiso eziza kuya kwiNcoko Yesizwe, luya kufumaneka apha: www.peoplesdialogue.org.za.